
USoul City Ibuyela Ngamandla: ULungelo Dhladhla Uzisa Isahluko Esitsha
ULungelo Dhladhla, umdlali osejike waba ngumlawuli nomvelisi, uthi ubulela kakhulu ithuba lesibini lokuvuselela iSoul City — umdlalo owaba nefuthe elikhulu kwiminyaka yoo-90s ekwaziseni uluntu ngemiba yeHIV.
Ukubuya kwalo mdlalo kubonwa njengenyathelo elibalulekileyo lokudibanisa ezolonwabo nemfundo yoluntu.
Lo msebenzi uwenziwa phantsi kwenkampani yakhe, iMindset Concept Production, kwaye isahluko esitsha sibizwa ngokuba yiSoul City: Lets Rise.
Uza kuqala ukuboniswa ngeCawa kwiSABC1 ngentsimbi yesi-8 ebusuku. Emva kweminyaka eli-12 lo mdlalo ungabonakali, ukubuyela kwawo kulindeleke ukuba kuvuse iingxoxo ezinzulu eluntwini.
Echaza indlela awuwakhe ngayo lo msebenzi, uLungelo uthe: “Ukuphinda ndiwurekhode lo mdlalo ngohlobo lwale mihla kuthetha lukhulu kum.
Funda nalapha: UChris Q Radebe uthi akazisoli nangona ifilimu yamshiya enezikweletu
Ukusebenza nabadlali kunye neqela elibanzi kundenze ndaphumelela ukuvelisa iziqendu ezili-13.”
Ubalule amaqabane aquka u-Adze Ugah, Phehello Mofokeng, Brent Quin noKgomotso Matsunyane, esithi ithemba lakhe kukuba ababukeli bangangeni nje kubukele, koko baxoxe ngezinto eziboniswa ngulo mdlalo.
ULungelo, ozalelwe KwaZulu-Natal, uthi eli bali lizisa yonke into efunwa ngumbukeli: umdla, ubunyani, nesifundo.
Kugxilwe kubafazi abahlanu abajongene nemiceli-mngeni eyahlukeneyo: uPule Buys (Samke), Lufuno Mdau (Rhulani), Bohlokoa Nkalai (Neo), Asibonge Ntuli (Thando), noNeo Malaka (Siza).
UJacqui Hlongwane wakwaSABC uthe ubudlelwane babo neSoul City kwicala lemfundo buneminyaka engama-30, nto leyo eyenza ukubuya kwalo mdlalo kubaluleke ngakumbi. Ngamazwi akhe: “Sifuna lo mdlalo ufundise, ukhuthaze abantu, kwaye ubabonise imiba efana nobulili, amandla, udlame nokungalingani.”
Uthe bakhangele phambili ekuqhubekeni nentsebenziswano neSoul City Institute ekuveliseni imidlalo enentsingiselo.
