Uncategorised

Baleqiswe esibhedlele abafundi ngokutya isidlo esinetyhefu

Ibhalwa ngu Luvolwethu Ngani

Abafundi abamalunga namashumi asixhenxe (70) kwisikolo sezoLimo iGobizizwe, kwilali yaseNcise kude kufuphi nase Mthatha, ibalekiswe kwizibhedlele ezahlukeneyo emva kokurhanelwa ukuba batye isidlo esinetyhefu ekutyeni kwesikolo ngoLwesithathu umhla weshumi elinesithathu (13) kweyeThupha 2025.

Bafike ngokukhawuleza okudibene nokungxama abeenkonzo zoNcedo oluNgxamisekileyo ngenqwelo-ntaka kwakunye nenqwelo yezigulane zaseMthatha. Abafundi abachaphazeleke kwesisehlo babalekiselwe kwiizibhedlele, iNelson Mandela Academic Hospital, eMthatha Regional Hospital, nase Ngangelizwe Community Health Centre ukuze bafumane unyango.

Nangona kunjalo, iSebe lezeMpilo eMpuma Koloni liye lakhupha isiqinisekiso sokuba ababafundi bafakwe iidriphu, lo gama abo bakwimeko emaxongo bakhweliswe kwinqwelo-moya ukuze bafumane uncedo olukhawulezileyo.

Unobangela wetyhefu ekutyeni awukaziwa kwaye iSebe lezeMpilo eMpuma Koloni alikanikezi ziinkcukacha ezithe vetshe malunga nale nyewe.

Le meko imbi idale inkxalabo eluntwini malunga nokhuseleko lokutya ezikolweni kula ngingqi.

Luvolwethu Ngani

A journalist at Unomathotholo comfortable in covering general entertainment, politics and human interest stories with a flexibility of providing current affairs in IsiXhosa and English.